-
-
Xhosa
-
-
20
|Lucas 22:20|
Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.
-
21
|Lucas 22:21|
Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha.
-
22
|Lucas 22:22|
UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye!
-
23
|Lucas 22:23|
Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto.
-
24
|Lucas 22:24|
Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungathiwa ngomkhulu.
-
25
|Lucas 22:25|
Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi.
-
26
|Lucas 22:26|
Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli.
-
27
|Lucas 22:27|
Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.
-
28
|Lucas 22:28|
Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam.
-
29
|Lucas 22:29|
Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13