-
-
Xhosa
-
-
38
|Lucas 21:38|
Bonke ke abantu babesiza kuye kwakusasa etempileni, ukuba beve ukuthetha kwakhe.
-
1
|Lucas 22:1|
Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika.
-
2
|Lucas 22:2|
Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu.
-
3
|Lucas 22:3|
Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini.
-
4
|Lucas 22:4|
Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angathini na ukumnikela kubo.
-
5
|Lucas 22:5|
Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali,
-
6
|Lucas 22:6|
wabavumela, wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu.
-
7
|Lucas 22:7|
Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika.
-
8
|Lucas 22:8|
Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle.
-
9
|Lucas 22:9|
Bathe ke bona kuye, Ufuna ukuba siyilungise phi na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7