-
-
Xhosa
-
-
18
|Lucas 21:18|
Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni yenu.
-
19
|Lucas 21:19|
Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu.
-
20
|Lucas 21:20|
Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo.
-
21
|Lucas 21:21|
Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo.
-
22
|Lucas 21:22|
Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo.
-
23
|Lucas 21:23|
Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla; kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu phezu kwawo umhlaba, nengqumbo kwaba bantu;
-
24
|Lucas 21:24|
bawe ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga.
-
25
|Lucas 21:25|
Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; lugquma ulwandle namaza;
-
26
|Lucas 21:26|
abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo; kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa.
-
27
|Lucas 21:27|
Baya kwandula ke ukumbona uNyana woMntu, esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7