-
-
Xhosa
-
-
35
|Lucas 20:35|
ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa;
-
36
|Lucas 20:36|
kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.
-
37
|Lucas 20:37|
Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi.
-
38
|Lucas 20:38|
AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.
-
39
|Lucas 20:39|
Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho.
-
40
|Lucas 20:40|
Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.
-
41
|Lucas 20:41|
Wathi ke kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu ungunyana kaDavide?
-
42
|Lucas 20:42|
Kanti noDavide yena ngokwakhe uthi encwadini yeeNdumiso, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam,
-
43
|Lucas 20:43|
Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.
-
44
|Lucas 20:44|
UDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi; aze abe ke ngunyana wakhe ngani na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7