-
-
Xhosa
-
-
5
|Lucas 20:5|
Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
-
6
|Lucas 20:6|
Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ungumprofeti.
-
7
|Lucas 20:7|
Baphendula ngokuthi, abazi ukuba lwaphuma phi na.
-
8
|Lucas 20:8|
Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
-
9
|Lucas 20:9|
Ke kaloku waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso: Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo.
-
10
|Lucas 20:10|
Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha.
-
11
|Lucas 20:11|
Waphinda wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha.
-
12
|Lucas 20:12|
Waphinda wathuma nowesithathu. Bathi ke bona bamngxwelerha nalowo, bamkhupha.
-
13
|Lucas 20:13|
Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi, bakumbona, bangamhlonela yena.
-
14
|Lucas 20:14|
Bathe ke abalimi, bakumbona, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7