-
-
Xhosa
-
-
33
|Lucas 19:33|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole?
-
34
|Lucas 19:34|
Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini.
-
35
|Lucas 19:35|
Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu.
-
36
|Lucas 19:36|
AkubonÂ’ ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni.
-
37
|Lucas 19:37|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba selesondele ekuhleni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonayo;
-
38
|Lucas 19:38|
besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni.
-
39
|Lucas 19:39|
Abathile kubaFarisi esihlweleni apho bathi kuye, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.
-
40
|Lucas 19:40|
Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kungathi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.
-
41
|Lucas 19:41|
Akusondela, wawubona umzi, wawulilela,
-
42
|Lucas 19:42|
esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 4-6