-
-
Xhosa
-
-
23
|Lucas 19:23|
ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala?
-
24
|Lucas 19:24|
Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi.
-
25
|Lucas 19:25|
Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi.
-
26
|Lucas 19:26|
Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako.
-
27
|Lucas 19:27|
Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam.
-
28
|Lucas 19:28|
Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.
-
29
|Lucas 19:29|
Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, esingise entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe,
-
30
|Lucas 19:30|
wathi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.
-
31
|Lucas 19:31|
Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nothi ukuthetha kuye, Liyafuneka eNkosini.
-
32
|Lucas 19:32|
Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 4-6