-
-
Xhosa
-
-
36
|Lucas 18:36|
Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le.
-
37
|Lucas 18:37|
Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete.
-
38
|Lucas 18:38|
Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndenzele inceba.
-
39
|Lucas 18:39|
Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.
-
40
|Lucas 18:40|
Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza,
-
41
|Lucas 18:41|
esithi, Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone.
-
42
|Lucas 18:42|
UYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile.
-
43
|Lucas 18:43|
Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo.
-
1
|Lucas 19:1|
Waye engene uYesu, ecanda eYeriko.
-
2
|Lucas 19:2|
Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7