-
-
Xhosa
-
-
16
|Lucas 18:16|
Ke yena uYesu wazibizela kuye, wathi, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli; kuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.
-
17
|Lucas 18:17|
Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akasayi kukha angene kubo.
-
18
|Lucas 18:18|
Umphathi othile wambuza, esithi, Mfundisi ulungileyo, mandenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
-
19
|Lucas 18:19|
Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo.
-
20
|Lucas 18:20|
Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, beka uyihlo nonyoko.
-
21
|Lucas 18:21|
Uthe ke yena, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.
-
22
|Lucas 18:22|
Ekuvile ke oko uYesu, wathi kuye, Kusekho nto-nye uyisweleyo; zonke izinto onazo thengisa ngazo, wabele amahlwempu; woba nobutyebi ke emazulwini; uze undilandele.
-
23
|Lucas 18:23|
Ezivile ke ezo ndawo, waba buhlungu kakhulu; kuba ube esisityebi kunene.
-
24
|Lucas 18:24|
UYesu akumbona ke ebuhlungu kakhulu, wathi, Hayi, ukuba ngenkankulu, ukuthi abo banobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo.
-
25
|Lucas 18:25|
Kuba kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16