-
-
Xhosa
-
-
26
|Lucas 18:26|
Bathi ke abo bevayo, Ngubani na ke ongasindiswayo?
-
27
|Lucas 18:27|
Uthe ke yena, Izinto ezingenakwenzeka kubantu, zinokwenzeka kuye uThixo.
-
28
|Lucas 18:28|
Uthe ke uPetros, Uyabona, thina sishiye izinto zonke, sakulandela.
-
29
|Lucas 18:29|
Uthe ke yena kubo, Inene, ndithi kuni, Akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazali, nokuba ngabazalwana, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, ngenxa yobukumkani bukaThixo,
-
30
|Lucas 18:30|
ongasayi kwamkela izinto eziphindaphindiweyo ngalo eli xesha, aze ngelo lizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.
-
31
|Lucas 18:31|
Ke kaloku ubathabathile abalishumi elinababini, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; zaye ziya kuphelela zonke izinto ezibhaliweyo ngabaprofeti, kuye uNyana woMntu.
-
32
|Lucas 18:32|
Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe;
-
33
|Lucas 18:33|
zimtyakatye, zimbulale; athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
-
34
|Lucas 18:34|
Bona abaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo.
-
35
|Lucas 18:35|
Kwaye ke kaloku, ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7