-
-
Xhosa
-
-
33
|Lucas 17:33|
Othe wafuna ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; othe wawulahla, uya kuwulondoloza.
-
34
|Lucas 17:34|
Ndithi kuni, Ngobo busuku ababini boba sililini sinye; omnye amkelwe, omnye ashiywe.
-
35
|Lucas 17:35|
Amankazana amabini oba esila ndawonye; enye yamkelwe, enye ishiywe.
-
36
|Lucas 17:36|
Abantu ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe.
-
37
|Lucas 17:37|
Baphendula bathi kuye, Phi na, Nkosi? Ithe ke yona kubo, Apho sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.
-
1
|Lucas 18:1|
Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla;
-
2
|Lucas 18:2|
esithi, Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu.
-
3
|Lucas 18:3|
Bekukho ke umhlolokazi othile kuloo mzi, obemana ukuza kuye, esithi, Ndikhulule kummangaleli wam.
-
4
|Lucas 18:4|
Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu:
-
5
|Lucas 18:5|
noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16