-
-
Xhosa
-
-
13
|Lucas 17:13|
Wona aphakamisa ilizwi, esithi, Yesu, Mongameli, senzele inceba.
-
14
|Lucas 17:14|
Ewabonile ke, wathi kuwo, Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli. Kwathi ekuyeni kwawo, ahlanjululwa.
-
15
|Lucas 17:15|
Ithe ke enye kuwo apho, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imzukisa uThixo ngezwi elikhulu.
-
16
|Lucas 17:16|
Yawa ngobuso ezinyaweni zakhe, ibulela kuye; yaye yona ingumSamariya.
-
17
|Lucas 17:17|
Waphendula ke uYesu wathi, Babengahlanjululwanga belishumi na? Baphi na ke abasithoba?
-
18
|Lucas 17:18|
Akufumanekanga na babuyileyo, besiza kuzukisa uThixo, ngulo wolunye uhlanga yedwa na?
-
19
|Lucas 17:19|
Wathi kuye, Vuka, uhambe; ukholo lwakho lukusindisile.
-
20
|Lucas 17:20|
Ke kaloku, akubuzwa ngabaFarisi ukuba ubukumkani bukaThixo buya kufika nini na, wabaphendula wathi, Ubukumkani bukaThixo abufiki bunokulolongeka.
-
21
|Lucas 17:21|
Kanjalo akuyi kuthiwa, Nabu apha! Nabuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.
-
22
|Lucas 17:22|
Wathi ke kubo abafundi, Kuya kufika mihla, niya kunqwenela ngayo ukuwubona noko umnye umhla woNyana woMntu, ningawuboni;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16