-
-
Xhosa
-
-
6
|Lucas 18:6|
Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo.
-
7
|Lucas 18:7|
Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo?
-
8
|Lucas 18:8|
Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?
-
9
|Lucas 18:9|
Ke kaloku wathetha lo mzekeliso nakwabathile, ababekholose ngokuthi ngaphakathi kwabo bangamalungisa, bengabenze nto abanye:
-
10
|Lucas 18:10|
Amadoda amabini enyuka aya etempileni, esiya kuthandaza; enye ingumFarisi, enye ingumbuthi werhafu.
-
11
|Lucas 18:11|
UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu.
-
12
|Lucas 18:12|
Ndizila ukudla kabini ngeveki, ndinikela izishumi zako konke endikuzuzayo.
-
13
|Lucas 18:13|
Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.
-
14
|Lucas 18:14|
Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uva kuthotywa; nozithobayo ke uya kuphakanyiswa.
-
15
|Lucas 18:15|
Ke kaloku baye bezisa kuye neentsana zabo, ukuze azichukumise; bebonile ke abafundi, babakhalimela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16