-
-
Xhosa
-
-
23
|Lucas 17:23|
baya kuthi ke kuni, Nanku apha! Nankuya phaya! Musani ukuya, ningaphuthumi nokuphuthuma.
-
24
|Lucas 17:24|
Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu, uya kuba njalo noNyana woMntu ngomhla wakhe.
-
25
|Lucas 17:25|
Kodwa kuqala umelwe kukuthi eve ubunzima obuninzi, alahlwe sesi sizukulwana.
-
26
|Lucas 17:26|
Njengoko kwaye kuhle ngemihla kaNowa, koba njalo nangemihla yoNyana woMntu.
-
27
|Lucas 17:27|
Babesidla, babesela, babezeka, babesendisa, kwada kwayimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke.
-
28
|Lucas 17:28|
Njengoko kwaye kunjalo nangemihla kaLote; babesidla, babesela, babethenga, babethengisa, babetyala, babesakha;
-
29
|Lucas 17:29|
kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwana umlilo nesulfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke.
-
30
|Lucas 17:30|
Kuya kuba kwanjengoko ngemini atyhileka ngayo uNyana woMntu.
-
31
|Lucas 17:31|
Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha. Kwangokunjalo, nosentsimini makangabuyeli kwezisemva.
-
32
|Lucas 17:32|
Khumbulani umkaLote.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16