-
-
Xhosa
-
-
15
|Lucas 20:15|
Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Uya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya?
-
16
|Lucas 20:16|
Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso. Bathe ke bakukuva oko, Mayingabikho loo nto!
-
17
|Lucas 20:17|
Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo: Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo?
-
18
|Lucas 20:18|
Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke bona elithe labawela, lobabetha bathi saa.
-
19
|Lucas 20:19|
Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso.
-
20
|Lucas 20:20|
Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli.
-
21
|Lucas 20:21|
Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene.
-
22
|Lucas 20:22|
Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na?
-
23
|Lucas 20:23|
Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na?
-
24
|Lucas 20:24|
Ndiboniseni idenariyo. Inomfanekiso nombhalo kabani na? Ziphendule ke zathi, KaKesare.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7