-
-
Xhosa
-
-
45
|Lucas 20:45|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bayeva bonke abantu, wathi kubafundi bakhe,
-
46
|Lucas 20:46|
Balumkeleni ababhali, abathandayo ukuhamba ngeengubo ezinde, bathande imibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;
-
47
|Lucas 20:47|
abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu. Abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.
-
1
|Lucas 21:1|
Ke kaloku akubheka, wazibona izityebi, ziphosa iminikelo yazo emkhumbini wokulondoloza imali.
-
2
|Lucas 21:2|
Wabona ke mhlolokazi uthile ulihlwempu, ephosa apho iimalanana ezimbini.
-
3
|Lucas 21:3|
Wathi, Inyaniso ndithi kuni, Lo mhlolokazi usweleyo uphose ngaphezu kwabo bonke;
-
4
|Lucas 21:4|
kuba bonke aba baphose eminikelweni kaThixo, bethabatha kwintabalala yabo; ukanti lo, ekusweleni kwakhe, uphose yonke impilo abenayo.
-
5
|Lucas 21:5|
Ke kaloku, kwakubonÂ’ ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi,
-
6
|Lucas 21:6|
Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
-
7
|Lucas 21:7|
Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Uya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7