-
-
Xhosa
-
-
28
|Lucas 21:28|
Ke kaloku, zakubonÂ’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.
-
29
|Lucas 21:29|
Wathetha umzekeliso kubo, wathi, Wukhangeleni umkhiwane nemithi yonke;
-
30
|Lucas 21:30|
xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi.
-
31
|Lucas 21:31|
Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.
-
32
|Lucas 21:32|
Inene ndithi kuni, Asiyi kukha sidlule esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto.
-
33
|Lucas 21:33|
Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula.
-
34
|Lucas 21:34|
Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.
-
35
|Lucas 21:35|
Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.
-
36
|Lucas 21:36|
Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.
-
37
|Lucas 21:37|
Ke kaloku, emini ebefundisa etempileni; athi ngobusuku aphume, ayekulala entabeni ekuthiwa yeyemiNquma.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19