-
-
Xhosa
-
-
8
|Lucas 21:8|
Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela.
-
9
|Lucas 21:9|
Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; sona ke isiphelo asiyi kuba kwaoko.
-
10
|Lucas 21:10|
Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.
-
11
|Lucas 21:11|
Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.
-
12
|Lucas 21:12|
Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunisa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.
-
13
|Lucas 21:13|
Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni.
-
14
|Lucas 21:14|
Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningakucingi ngaphambili ukuziphendulela.
-
15
|Lucas 21:15|
Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo.
-
16
|Lucas 21:16|
Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni;
-
17
|Lucas 21:17|
nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3