-
-
Xhosa
-
-
9
|Lucas 23:9|
Wayembuza ke amazwi amaninzi; ke yena akamphendulanga nento.
-
10
|Lucas 23:10|
Bema ke ababingeleli abakhulu nababhali, bemmangalela kabukhali.
-
11
|Lucas 23:11|
UHerode ke, kwanempi yakhe, wamenza into engento, wadlala ngaye, wamthi wambu ngengubo eqaqambileyo, wamthumela kuPilato.
-
12
|Lucas 23:12|
Ngaloo mini baba zizihlobo ke uPilato noHerode; kuba ngenxa engaphambili babenobutshaba phakathi kwabo.
-
13
|Lucas 23:13|
Ke kaloku uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi bamaYuda, nabantu,
-
14
|Lucas 23:14|
wathi kubo, Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;
-
15
|Lucas 23:15|
kwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Nanku ke kungekho nto ifanelwe kukufa, yenziwe nguye.
-
16
|Lucas 23:16|
Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
-
17
|Lucas 23:17|
Ke kaloku, ubemelwe kukuthi abakhululele umbanjwa abe mnye, imithendeleko ngemithendeleko.
-
18
|Lucas 23:18|
Bankqangaza ke ngokuphela kwabo, besithi, Msuse lo, usikhululele uBharabhas,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10