-
-
Xhosa
-
-
23
|Lucas 24:23|
Bathe bengawufumani umzimba wakhe, beza besithi, babone nombono wezithunywa zezulu, ezithi zona, uhleli.
-
24
|Lucas 24:24|
Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.
-
25
|Lucas 24:25|
Waza yena wathi kubo, Oyi! basweli-kuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthethayo abaprofeti!
-
26
|Lucas 24:26|
UKristu ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?
-
27
|Lucas 24:27|
Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.
-
28
|Lucas 24:28|
Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.
-
29
|Lucas 24:29|
Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.
-
30
|Lucas 24:30|
Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.
-
31
|Lucas 24:31|
Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.
-
32
|Lucas 24:32|
Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7