-
-
Xhosa
-
-
19
|Lucas 7:19|
Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?
-
20
|Lucas 7:20|
Efikile ke kuye amadoda lawo, athi, UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?
-
21
|Lucas 7:21|
Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo, wathi iimfama ezininzi wazibabala ukubona.
-
22
|Lucas 7:22|
Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.
-
23
|Lucas 7:23|
Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.
-
24
|Lucas 7:24|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Naye niphume naya kubona ntoni na entlango? Yaye iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?
-
25
|Lucas 7:25|
Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani.
-
26
|Lucas 7:26|
Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye igumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti.
-
27
|Lucas 7:27|
Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye kwathiwa, Niyabona, mna ndiyamthuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
-
28
|Lucas 7:28|
Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8