-
-
Xhosa
-
-
9
|Lucas 7:9|
Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.
-
10
|Lucas 7:10|
Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile.
-
11
|Lucas 7:11|
Kwathi ngomhla olandelayo, waya emzini ekuthiwa yiNayin. Kwaye kuhamba naye iqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu.
-
12
|Lucas 7:12|
Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye.
-
13
|Lucas 7:13|
Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila.
-
14
|Lucas 7:14|
Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Yathi, Ndodana, ndithi kuwe, Vuka.
-
15
|Lucas 7:15|
Wavuka wahlala umfi lowo, waza ke wathetha. Yamnikela ke kunina.
-
16
|Lucas 7:16|
Bangenwa ke kukoyika bonke. Babemzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; besithi, Ubavelele uThixo abantu bakhe.
-
17
|Lucas 7:17|
Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke.
-
18
|Lucas 7:18|
Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8