-
-
Xhosa
-
-
28
|Lucas 6:28|
Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
-
29
|Lucas 6:29|
Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nothabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi.
-
30
|Lucas 6:30|
Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize.
-
31
|Lucas 6:31|
Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.
-
32
|Lucas 6:32|
Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni bayabathanda abo babathandayo.
-
33
|Lucas 6:33|
Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni benza kwaloo nto.
-
34
|Lucas 6:34|
Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuya nizuze kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze kwangangoko.
-
35
|Lucas 6:35|
Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.
-
36
|Lucas 6:36|
Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.
-
37
|Lucas 6:37|
Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8