-
-
Xhosa
-
-
37
|Lucas 5:37|
Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba.
-
38
|Lucas 5:38|
Yona iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha zigcinakale ezo zinto zombini.
-
39
|Lucas 5:39|
Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko; ngokuba uthi, Endala yeyona inencasa.
-
1
|Lucas 6:1|
Kwathi ngesabatha ethile, wacanda emasi mini; baye abafundi bakhe besikha izikhwebu, bazidla, bezihlikihla ngezandla.
-
2
|Lucas 6:2|
Bathe ke abathile babaFarisi kubo, Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha?
-
3
|Lucas 6:3|
Wabaphendula uYesu wathi, Anikhanga nikulese na oko wakwenzayo uDavide, mhlenikweni walambayo, yena nabo babenaye?
-
4
|Lucas 6:4|
Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwe phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ezo ke kungavumelekileyo ukuba zidliwe bantu, ingengabo ababingeleli bodwa?
-
5
|Lucas 6:5|
Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.
-
6
|Lucas 6:6|
Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene.
-
7
|Lucas 6:7|
Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5