-
-
Xhosa
-
-
27
|Lucas 5:27|
Ke kaloku, emveni kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele.
-
28
|Lucas 5:28|
Washiya konke, wesuka wamlandela.
-
29
|Lucas 5:29|
Waza uLevi wamenzela isidlo esikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho iqela elikhulu lababuthi berhafu nelabanye, ababehleli ngasesithebeni nabo.
-
30
|Lucas 5:30|
Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni?
-
31
|Lucas 5:31|
Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo.
-
32
|Lucas 5:32|
Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.
-
33
|Lucas 5:33|
Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele?
-
34
|Lucas 5:34|
Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni?
-
35
|Lucas 5:35|
Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla.
-
36
|Lucas 5:36|
Ke kaloku wabethetha nomzekeliso kubo esithi, Akukho ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye woba ukrazula leyo intsha, sithi nesiziba eso sentsha singavumani nendala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8