-
-
Xhosa
-
-
18
|Lucas 6:18|
nabo babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa.
-
19
|Lucas 6:19|
Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.
-
20
|Lucas 6:20|
Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.
-
21
|Lucas 6:21|
Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka.
-
22
|Lucas 6:22|
Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu.
-
23
|Lucas 6:23|
Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.
-
24
|Lucas 6:24|
Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu.
-
25
|Lucas 6:25|
Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile.
-
26
|Lucas 6:26|
Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.
-
27
|Lucas 6:27|
Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8