-
-
Xhosa
-
-
8
|Lucas 6:8|
Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema.
-
9
|Lucas 6:9|
Uthe ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza into: okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na?
-
10
|Lucas 6:10|
Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo ke; sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.
-
11
|Lucas 6:11|
Basuka ke bona baphambana ngumsindo; babethethana bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu.
-
12
|Lucas 6:12|
Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ngokuthandaza kuThixo.
-
13
|Lucas 6:13|
Kwathi kwakusa, wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinababini, awathi kananjalo wabathiya elokuba ngabapostile:
-
14
|Lucas 6:14|
uSimon, awamthiya nelokuba nguPetros, noAndreya, umzalwana wakhe; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu;
-
15
|Lucas 6:15|
uMateyu noTomas; uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon, ekuthiwa ngumZeloti;
-
16
|Lucas 6:16|
uYuda kaYakobi, noYuda Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.
-
17
|Lucas 6:17|
Wehla nabo, wema endaweni ethe tyaba, neqela labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaYuda, naseYerusalem, nakulo ilizwe elingaselwandle laseTire neTsidon, ababeza kumva, nokuba baphiliswe kuzo izifo zabo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8