-
-
Xhosa
-
-
17
|Lucas 5:17|
Kwathi ke ngamini ithile wafundisa. Kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem; aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise.
-
18
|Lucas 5:18|
Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu onedumbe; ayefuna ukumngenisa, ambeke phambi kwakhe.
-
19
|Lucas 5:19|
Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yesihlwele, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ndawonye nokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.
-
20
|Lucas 5:20|
Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, uzixolelwe izono zakho.
-
21
|Lucas 5:21|
Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa?
-
22
|Lucas 5:22|
Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu?
-
23
|Lucas 5:23|
Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi, Uzixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?
-
24
|Lucas 5:24|
Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
-
25
|Lucas 5:25|
Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo.
-
26
|Lucas 5:26|
Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone izanga namhlanje.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8