-
-
Xhosa
-
-
7
|Lucas 5:7|
Bakhoba amahlulelana abo, abekomnye umkhombe, ukuba eze kuncedisana nabo. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona.
-
8
|Lucas 5:8|
Uthe ke akukubona oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi.
-
9
|Lucas 5:9|
Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisayo.
-
10
|Lucas 5:10|
Baba kwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon. UYesu wathi kuSimon, Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu.
-
11
|Lucas 5:11|
Bakuyifikisa imikhombe emhlabeni, bashiya into yonke, bamlandela.
-
12
|Lucas 5:12|
Kwathi ekomnye umzi, babona ngendoda ezele liqhenqa; yathi yakumbona uYesu, yawa ngobuso, yamkhunga, isithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.
-
13
|Lucas 5:13|
Wasolula isandla, wayichukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lathi kwaoko iqhenqa lemka kuyo.
-
14
|Lucas 5:14|
Wayithethela yena ngelithi, mayingaxeleli bani. Wathi, Yiya kuzibonisa kumbingeleli, usondeze idini, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, njengoko wamisayo uMoses, kube bubungqina kubo.
-
15
|Lucas 5:15|
Kwaba kukhona ke luhlakazekayo udaba ngaye; kwaye kubuthelana izihlwele ezikhulu ukuza kuphulaphula, nokuphiliswa nguye ebulwelweni bazo.
-
16
|Lucas 5:16|
Waye ke yena emana ukuzisithelisa ezindaweni eziziintlango, athandaze.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5