-
-
Xhosa
-
-
48
|Lucas 6:48|
Ufana nomntu owakha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo.
-
49
|Lucas 6:49|
Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwathi ukuwa kwaloo ndlu kwakukhulu.
-
1
|Lucas 7:1|
Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum.
-
2
|Lucas 7:2|
Waye ke umkhonzi womthetheli-khulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha.
-
3
|Lucas 7:3|
Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe.
-
4
|Lucas 7:4|
Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko;
-
5
|Lucas 7:5|
kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena.
-
6
|Lucas 7:6|
Wahamba ke uYesu nabo. AkubonÂ’ ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;
-
7
|Lucas 7:7|
kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wophiliswa umkhonzi wam;
-
8
|Lucas 7:8|
kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8