-
-
Xhosa
-
-
16
|Lucas 13:16|
Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha?
-
17
|Lucas 13:17|
AkubonÂ’ ukuba uyazithetha ezo ndawo, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye.
-
18
|Lucas 13:18|
Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? Ndiya kubufanisa nantoni na?
-
19
|Lucas 13:19|
Bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; lwahluma lwaba ngumthi omkhulu, zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo.
-
20
|Lucas 13:20|
Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo?
-
21
|Lucas 13:21|
Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.
-
22
|Lucas 13:22|
Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem.
-
23
|Lucas 13:23|
Ke kaloku wathi othile kuye, Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?
-
24
|Lucas 13:24|
Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.
-
25
|Lucas 13:25|
Xa selethe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nokunkqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, nkosi, sivulele: uya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 11-12