-
-
Xhosa
-
-
6
|Lucas 13:6|
Wabethetha ke lo mzekeliso: Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto.
-
7
|Lucas 13:7|
Wathi ke kumsebenzi-sidiliya, Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba ude uphuthise nomhlaba.
-
8
|Lucas 13:8|
Aphendule ke yena athi kuye, Nkosi, wuyeke nangalo mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba.
-
9
|Lucas 13:9|
Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wowuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wobuya uwugawule.
-
10
|Lucas 13:10|
Ke kaloku wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu ngayo isabatha.
-
11
|Lucas 13:11|
Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa.
-
12
|Lucas 13:12|
Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.
-
13
|Lucas 13:13|
Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.
-
14
|Lucas 13:14|
Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha.
-
15
|Lucas 13:15|
Yamphendula ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuliseza?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 17-19