-
-
Xhosa
-
-
35
|Lucas 12:35|
Mazibe zibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha;
-
36
|Lucas 12:36|
nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko.
-
37
|Lucas 12:37|
Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele.
-
38
|Lucas 12:38|
Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi.
-
39
|Lucas 12:39|
Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe.
-
40
|Lucas 12:40|
Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.
-
41
|Lucas 12:41|
Wathi ke uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na?
-
42
|Lucas 12:42|
Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo?
-
43
|Lucas 12:43|
Unoyolo loo mkhonzi eyothi, yakufika inkosi yakhe, imfumane esenjenjalo.
-
44
|Lucas 12:44|
Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 11-12