-
-
Xhosa
-
-
25
|Lucas 12:25|
Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye?
-
26
|Lucas 12:26|
Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye?
-
27
|Lucas 12:27|
Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi.
-
28
|Lucas 12:28|
Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa, wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane?
-
29
|Lucas 12:29|
Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na; kanjalo nize ningathingazi;
-
30
|Lucas 12:30|
ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto.
-
31
|Lucas 12:31|
Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
-
32
|Lucas 12:32|
Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.
-
33
|Lucas 12:33|
Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu;
-
34
|Lucas 12:34|
kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 11-12