-
-
Xhosa
-
-
49
|Lucas 11:49|
Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bathi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile; kubo abo ke baya kuyibulala inxenye, bayitshutshise inxenye;
-
50
|Lucas 11:50|
ukuze limenywe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi;
-
51
|Lucas 11:51|
lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana.
-
52
|Lucas 11:52|
Yeha nina, baqondisi-mthetho! Ngokuba nasisusa isitshixo sokwazi; nina anangena, nabangenayo nabalela.
-
53
|Lucas 11:53|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, baqala ababhali nabaFarisi ukuba nenqala enkulu, nokumcofa ngemibuzo emininzi,
-
54
|Lucas 11:54|
bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele.
-
1
|Lucas 12:1|
Phakathi koko, kuthe akubonÂ’ ukuba ahlanganisene ndawonye amawaka-waka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso.
-
2
|Lucas 12:2|
Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa.
-
3
|Lucas 12:3|
Ngenxa enokuba konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nenikuthethe endlebeni emagumbini, kuya kumenyezwa phezu kwezindlu.
-
4
|Lucas 12:4|
Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 11-12