-
-
Xhosa
-
-
15
|Lucas 12:15|
Wathi ke kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.
-
16
|Lucas 12:16|
Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu;
-
17
|Lucas 12:17|
wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam?
-
18
|Lucas 12:18|
Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke izilimo zam, nezinto zam ezilungileyo;
-
19
|Lucas 12:19|
ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali.
-
20
|Lucas 12:20|
Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo?
-
21
|Lucas 12:21|
Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.
-
22
|Lucas 12:22|
Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na.
-
23
|Lucas 12:23|
Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.
-
24
|Lucas 12:24|
Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 11-12