-
-
Xhosa
-
-
55
|Lucas 12:55|
Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; lusuke lubekho.
-
56
|Lucas 12:56|
Bahanahanisindini, niyakwazi ukuyicalula imbonakalo yomhlaba neyezulu; kungani na ke ukuba ningalicaluli lona eli xesha?
-
57
|Lucas 12:57|
Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa?
-
58
|Lucas 12:58|
Kuba xa uya nommangaleli wakho phambi komlawuli, yithi endleleni apho usebenze ukuthi uzikhulule kuye; hleze akurholele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, umsila ukuphose entolongweni.
-
59
|Lucas 12:59|
Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.
-
1
|Lucas 13:1|
Ke kaloku kwaye kukho abathile ngelo xesha, ababembikela amaGalili, agazi uPilato waliphithikeza namadini awo.
-
2
|Lucas 13:2|
Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba eve ubunzima obunjalo?
-
3
|Lucas 13:3|
Ndithi kuni, Hayi; nothi xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
-
4
|Lucas 13:4|
Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem?
-
5
|Lucas 13:5|
Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 11-12