-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Números 28:28|
neemvana ezimnyaka mnye zibe sixhenxe: nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo inye,
-
29
|Números 28:29|
nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu inye, nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe.
-
30
|Números 28:30|
Nenkunzi yebhokhwe exhonti yoba nye, yokunicamagushela.
-
31
|Números 28:31|
Ezo nto nozenza ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla (zoba zezigqibeleleyo kuni), neminikelo yazo ethululwayo.
-
1
|Números 29:1|
Ngenyanga yesixhenxe, ngolokuqala enyangeni leyo, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Yoba ngumhla wokumema ngezigodlo kuni.
-
2
|Números 29:2|
Ize nenze idini elinyukayo, libe livumba elithozamisayo kuYehova; ibe nye inkunzi entsha, ithole lenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zibe sixhenxe;
-
3
|Números 29:3|
nomnikelo wazowokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezalululo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu,
-
4
|Números 29:4|
nesahlulo seshumi sibe sinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe;
-
5
|Números 29:5|
nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono lokunicamagushela:
-
6
|Números 29:6|
ngaphandle kwedini elinyukayo lenyanga, nomnikelo walo wokudla, nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walowokudla, neminikelo yawo ethululwayo, ngokwesiko lawo; libe livumba elithozamisayo, ukudla, kwasemlilweni ke oko kuYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7