-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Números 29:7|
Ngolweshumi lwaloo nyanga yesixhenxe, kobakho intlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza;
-
8
|Números 29:8|
nosondeza idini elinyukayo kuYehova, ivumba elithozamisayo; ibe nye inkunzi entsha, ithole lenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye zibe sixhenxe; zoba zezigqibeleleyo kuni;
-
9
|Números 29:9|
nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu inye,
-
10
|Números 29:10|
nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana inye, kuzo iimvana ezisixhenxe;
-
11
|Números 29:11|
nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibelidini lesono: ngaphandle kwedini lesono lokucamagusha, nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwaneminikelo yawo ethululwayo.
-
12
|Números 29:12|
Ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesixhenxe, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Niya kwenza umthendeleko kuYehova iintsuku ezisixhenxe.
-
13
|Números 29:13|
Nize nisondeze idini elinyukayo, ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova: zibe lishumi elinantathu iinkunzi ezintsha, amathole eenkomo; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye zibe lishumi elinane; zoba zezigqibeleleyo;
-
14
|Números 29:14|
nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo inye, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo ezilishumi elinantathu, nezahlulo zeshumi zibe zibini kwinkunzi yemvu inye, kuzo iinkunzi zezimvu ezimbini,
-
15
|Números 29:15|
nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana inye kuzo iimvana ezilishumi elinane;
-
16
|Números 29:16|
nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7