-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Números 28:18|
Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
-
19
|Números 28:19|
Nosondeza ukudla kwasemlilweni, idini elinyukayo kuYehova: iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye, zibe sixhenxe; zoba zezigqibeleleyo kuni.
-
20
|Números 28:20|
Nowenza umnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu.
-
21
|Números 28:21|
Wosenza isahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe.
-
22
|Números 28:22|
Nenkunzi yebhokhwe yoba nye, ibe lidini lesono lokunicamagushela nina.
-
23
|Números 28:23|
Nowenza wona ngaphandle kwedini elinyukayo lakusasa, elileledini elinyukayo lamaxesha onke.
-
24
|Números 28:24|
Niya kwenjenjalo imihla yonke, ngaloo mihla isixhenxe, isonka sokudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova, nenze ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo.
-
25
|Números 28:25|
Ngomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
-
26
|Números 28:26|
Ngomhla wokushwama, ekuwusondezeni kwenu umnikelo wokudla okutsha kuYehova, emthendelekweni wenu weeveki, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
-
27
|Números 28:27|
Nosondeza idini elinyukayo libe livumba elithozamisayo kuYehova: iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7