-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 27:21|
Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke.
-
22
|Números 27:22|
Wenza ke uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho. Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke;
-
23
|Números 27:23|
wacinezela ngezandla zakhe phezu kwakhe, wamwisela umthetho, njengoko uYehova wathethayo ngoMoses.
-
1
|Números 28:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Números 28:2|
Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Umsondezo wam, isonka sam sokudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kum, nokugcina ukuwusondeza kum ngexesha lawo elimisiweyo.
-
3
|Números 28:3|
Uze uthi kubo, Kuko oku ukudla kwasemlilweni enokusondeza kuYehova: iimvana ezimbini ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zemini ngemini, zedini elinyukayo lamaxesha onke;
-
4
|Números 28:4|
enye imvana woyenza kusasa, eyesibini uyenze lakutshona ilanga;
-
5
|Números 28:5|
nesahlulo seshumi se-efa somgubo ocoliweyo woba ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli engqushiweyo, esisahlulo sesine sehin.
-
6
|Números 28:6|
Lidini elinyukayo lamaxesha onke, elamiselwa entabeni yeSinayi ukuba libe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;
-
7
|Números 28:7|
nomnikelo walo othululwayo woba sisahlulo sesine sehin kwimvana yokuqala. Wowuthululela engcweleni umnikelo othululwayo, usisiselo esinamandla kuYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10