-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 27:11|
Ukuba uyise uthe akaba nabazalwana, ilifa layo nolinika umzalwana wayo okufuphi kuyo emizalwaneni yayo, alidle ilifa. Woba ngummiselo ke wokugweba lowo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
12
|Números 27:12|
Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uye kule ntaba yeAbharim, ulikhangele ilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli, ulikhangele;
-
13
|Números 27:13|
uhlanganiselwe kwabakowenu nawe, njengokuba wahlanganiselwayo kubo uAron, umkhuluwa wakho;
-
14
|Números 27:14|
njengokuba nawuphikisayo umlomo wam entlango yeTsin, embambanweni yebandla, endaweni yokundingcwalisa emanzini emehlweni abo. Lawo ngamanzi embambano aseKadeshe, entlango yeTsin.
-
15
|Números 27:15|
Wathetha uMoses kuYehova, esithi,
-
16
|Números 27:16|
UYehova, uThixo woomoya benyama yonke, makamise indoda yokuvelela ibandla;
-
17
|Números 27:17|
eya kuphuma phambi kwabo, ingene phambi kwabo, ibakhuphe, ibangenise; lingabi njengezimvu ezingenamalusi ibandla likaYehova.
-
18
|Números 27:18|
Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele uYoshuwa, unyana kaNun, indoda okuyo umoya, ucinezele ngesandla sakho phezu kwakhe,
-
19
|Números 27:19|
ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo;
-
20
|Números 27:20|
uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limve lonke ibandla loonyana bakaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10