-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
56
|Números 26:56|
labiwe ilifa lazo ngokweqashiso, phakathi kwesininzi nesincinane.
-
57
|Números 26:57|
Ngabo aba ababalwayo kubaLevi ngokwemizalwane yabo; nguGershon ozala amaGershon; nguKehati ozala amaKehati; nguMerari ozala amaMerari.
-
58
|Números 26:58|
Yiyo le imizalwane yabaLevi: ngumzalwane wamaLibheni, ngumzalwane wamaHebron, ngumzalwane wamaMaheli, ngumzalwane wamaMushi, ngumzalwane wamaKora. UKehati wazala uAmram.
-
59
|Números 26:59|
Igama lomka-Amram nguYokebhede, intombi kaLevi, eyazalelwa uLevi eYiputa; yamzalela uAmram ooAron noMoses, noMiriyam udade wabo.
-
60
|Números 26:60|
UAron wazalelwa uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.
-
61
|Números 26:61|
Bafa ooNadabhi noAbhihu ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova.
-
62
|Números 26:62|
Ababalwayo kubo baba ngamashumi omabini anamathathu amawaka, yonke into eyindoda, bethabathela kumntwana onyanga-nye benyusa; kuba bebengabalwanga phakathi koonyana bakaSirayeli; ngokuba bebengenalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.
-
63
|Números 26:63|
Ngabo abo babalwayo nguMoses noElazare umbingeleli, ababebabala oonyana bakaSirayeli ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko.
-
64
|Números 26:64|
Ke kwabo kube kungasekho mntu wababebalwe ngooMoses noAron umbingeleli, abababalayo oonyana bakaSirayeli entlango yeSinayi.
-
65
|Números 26:65|
Ngokuba uYehova ebethe kubo, Mabafele bona entlango kanye. Akwasala namnye ke kubo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10