-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 27:1|
Zasondela iintombi zikaTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, zomzalwane kaManase, unyana kaYosefu. Ngawo ke la amagama eentombi zakhe ezo: uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.
-
2
|Números 27:2|
Zema phambi koMoses naphambi koElazare umbingeleli, naphambi kwezikhulu zebandla lonke emnyango wentente yokuhlangana, zathi,
-
3
|Números 27:3|
Ubawo wafela entlango; yena wayengekho phakathi kwebandla labahlanganayo ngoYehova ebandleni likaKora; ngokuba wafa ngesakhe isono, engabanga nanyana.
-
4
|Números 27:4|
Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwemizalwane yakhe, kuba engenanyana? Sinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.
-
5
|Números 27:5|
UMoses wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.
-
6
|Números 27:6|
Wathetha uYehova kuMoses wathi,
-
7
|Números 27:7|
Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wozinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise;
-
8
|Números 27:8|
uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa ithe yafa indoda, ingenanyana, nolihambisela ilifa layo kwintombi yayo.
-
9
|Números 27:9|
Ke ukuba ithe ayaba nantombi, nolinika abazalwana bayo ilifa layo.
-
10
|Números 27:10|
Ukuba ithe ayaba nabazalwana, nolinika abazalwana bakayise ilifa layo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10