-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Números 29:37|
nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuyo inkunzi entsha yenkomo, nakuyo inkunzi yemvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko;
-
38
|Números 29:38|
nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
-
39
|Números 29:39|
Loo madini nowenza kuYehova ngamaxesha enu amisiweyo, ngaphandle kwezibhambathiso zenu, nemibingelelo yenu yokuqhutywa yintliziyo, emadinini enu anyukayo, naseminikelweni yenu yokudla, naseminikelweni yenu ethululwayo, nasemibingelelweni yenu yoxolo.
-
40
|Números 29:40|
UMoses wabaxelela oonyana bakaSirayeli ngokwezinto zonke, uYehova abemwisele umthetho ngazo uMoses.
-
1
|Números 30:1|
Wathetha uMoses kwiintloko zezizwe zoonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo eli ilizwi awise umthetho ngalo uYehova:
-
2
|Números 30:2|
Xa athe umntu wabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ufunge isifungo sokuwubopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza, makangalihlambeli ilizwi lakhe; makenze ngokwento yonke ephume emlonyeni wakhe.
-
3
|Números 30:3|
Xa ithe inkazana yabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ithe yazibopha ngokuzikhanyeza, isendlwini kayise, isebuncinaneni bayo;
-
4
|Números 30:4|
wasiva uyise isibhambathiso sayo nokuzikhanyeza kwayo, ebophe ngako umphefumlo wayo, wathi cwaka uyise kuyo: mazime zonke izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo konke, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume.
-
5
|Números 30:5|
Ukuba uthe uyise wayithiba ngomhla wokuziva kwakhe izibhambathiso zayo zonke, nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, akuyi kuma; uYehova woyixolela, ngokuba eyithibile uyise.
-
6
|Números 30:6|
Ke ukuba ithe yenda inesibhambathiso, nokuba inokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayongako,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7