-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 31:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Números 31:2|
Baphindezele kumaMidiyan oonyana bakaSirayeli, ngento awayenza kubo; emveni koko wohlanganiselwa ebantwini bakowenu.
-
3
|Números 31:3|
Wathetha ke uMoses ebantwini, esithi, Makuxhobe amadoda kuni, aphume umkhosi aye kumaMidiyan, enze impindezelo kaYehova kumaMidiyan;
-
4
|Números 31:4|
iwaka esizweni, iwaka esizweni, ezizweni zonke zakwaSirayeli, nowathuma aphume umkhosi.
-
5
|Números 31:5|
Kwakhutshwa ke emawakeni akwaSirayeli iwaka esizweni, iwaka esizweni, alishumi elinamabini amawaka, exhobele ukuphuma umkhosi.
-
6
|Números 31:6|
Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi; wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe.
-
7
|Números 31:7|
Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, ayibulala yonke into eyindoda.
-
8
|Números 31:8|
Ababulala ookumkani bamaMidiyan ndawonye nababuleweyo babo, uEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, ookumkani abahlanu bamaMidiyan; noBhileham, unyana kaBhehore, ambulala ngekrele.
-
9
|Números 31:9|
Oonyana bakaSirayeli babathimba abafazi bakwaMidiyan, neentsapho zabo; namaqegu abo onke, nemfuyo yabo yonke, nobutyebi babo bonke babuphanga.
-
10
|Números 31:10|
Bayitshisa ngomlilo imizi yabo yonke ezindaweni zokuhlala kwabo, neengqili zabo zonke;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7