-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 31:11|
bawathabatha onke amaxhoba nezinto zonke eziphangiweyo, awabantu naweenkomo.
-
12
|Números 31:12|
Babazisa abathinjiweyo, namaxhoba, nempahla ephangiweyo, kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwibandla loonyana bakaSirayeli eminqubeni, ezinkqantoshini zakwaMowabhi, ezingaseYordan malunga neYeriko.
-
13
|Números 31:13|
Baphuma ooMoses noElazare umbingeleli nezikhulu zonke zebandla, baya kubakhawulela ngaphandle kweminquba.
-
14
|Números 31:14|
UMoses wanoburhalarhume kubo abaveleli bomkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu, ababevela emkhosini waloo mfazwe.
-
15
|Números 31:15|
Wathi uMoses kubo, Niwasindisile na onke amankazana?
-
16
|Números 31:16|
Yabonani, ngawo la athi ngelizwi likaBhileham amenezisa oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa kaPehore, kwabakho isibetho ebandleni likaYehova.
-
17
|Números 31:17|
Yibulaleni ngoko yonke into eyindoda ezintsatsheni; namankazana onke ayazileyo indoda ngokulala nayo wabulaleni.
-
18
|Números 31:18|
Ke zonke iintsapho emankazaneni ezingalalanga nandoda, zisindiseni.
-
19
|Números 31:19|
Ke nina misani iintente ngaphandle kweminquba iintsuku ezisixhenxe. Bonke ababulele umntu, bonke abachukumise obuleweyo, nozihlambulula isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, nina nabo nibathimbileyo.
-
20
|Números 31:20|
Neengubo zonke, neempahla zonke zezikhumba, neento zonke ezenziwe ngoboya bebhokhwe, neempahla zonke zomthi, nozihlambulula.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7