-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Números 31:41|
UMoses inani elo walinika uElazare umbingeleli, ukuba libe ngumrhumo kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
-
42
|Números 31:42|
Isiqingatha soonyana bakaSirayeli, awasahlulayo uMoses kweyamadoda abephume umkhosi,
-
43
|Números 31:43|
isiqingatha esisesebandla, empahleni emfutshane, saba ngamakhulu omathathu amawaka, anamancimathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu.
-
44
|Números 31:44|
Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka;
-
45
|Números 31:45|
amaesile, ngamashumi omathathu amawaka, anamakhulu mahlanu;
-
46
|Números 31:46|
iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka.
-
47
|Números 31:47|
Wacaphula uMoses esiqingatheni soonyana bakaSirayeli into ekhethiweyo, yanye emashumini omahlanu ebantwini, nasezinkomeni, wazinika abaLevi, abagcina isigxina somnquba kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
-
48
|Números 31:48|
Basondela kuMoses abaveleli ababengabamawaka omkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu,
-
49
|Números 31:49|
bathi kuMoses, Abakhonzi bakho balibalile inani lamadoda okulwa, abesezandleni zethu; akukho nanye indoda engekhoyo kuthi.
-
50
|Números 31:50|
Sisondeze umsondezo kaYehova, elowo ngokufumana kwakhe, impahla yegolide imixhaka, nezacholo, nemisesane yokutywina, namajikazi, nezidanga, ukuba siyicamagushele imiphefumlo yethu phambi koYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7