- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									7
									 
									 
									|Números 32:7|
									Yini na ukuba nizityhafise iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangaweleli ezweni abanika lona uYehova?									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Números 32:8|
									Benjenjalo ooyihlo ekubasuseni kwam eKadeshe-bharneha,  ukuba balikhangele ilizwe.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Números 32:9|
									Benyuka bada baya esihlanjeni sakwaEshkoli, balibona ilizwe, bazityhafisa iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangayi ezweni abanikayo uYehova.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Números 32:10|
									Wavutha umsindo kaYehova ngaloo mhla, wafunga, wathi,									
									    
								 
- 
									
									11
									 
									 
									|Números 32:11|
									Ndobona ukuba okha awubone amadoda anyukayo eYiputa,  athabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe enyusa, umhlaba endawufungela uAbraham noIsake noYakobi, kuba engakuzalisanga ukundilandela;									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Números 32:12|
									ingenguKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, noYoshuwa,  unyana kaNun; ngokuba bekuzalisile ukumlandela uYehova bona.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Números 32:13|
									Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawabhadulisa entlango iminyaka emashumi mane, sada sagqitywa sonke isizukulwana, esaye senze ububi emehlweni kaYehova.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Números 32:14|
									Nanku nisuke nema esikhundleni sooyihlo, nikukwanda kwamadoda awonayo, ukongeza ngakumbi ekuvutheni komsindo kaYehova kwaSirayeli.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Números 32:15|
									Xa nithe nabuya ekumlandeleni, wophinda kanjalo abasalise entlango nibonakalise ke aba bantu bonke.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Números 32:16|
									Basondela kuye bathi, Izibaya zempahla emfutshane siya kuzibiyela imfuyo yethu apha, imizi siyakhele usapho lwethu.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15