- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									17
									 
									 
									|Números 32:17|
									Ke thina siya kukhawuleza sixhobe, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibaseendaweni yabo; usapho lwethu luhlale emizini enqatyisiweyo, ngenxa yabemi balo ilizwe.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Números 32:18|
									Asiyi kubuyela ezindlwini zethu, bade oonyana bakaSirayeli balizuze ilifa, elowo ilifa lakhe.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Números 32:19|
									Kuba asiyi kudla lifa nabo phesheya kweYordan nangaphaya,  xa ilifa lethu silizuze nganeno kweYordan ngasempumalanga.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Números 32:20|
									Wathi uMoses kubo, Ukuba nithe nalenza elo lizwi, ukuba nithe naxhobela imfazwe phambi koYehova,									
									    
								 
- 
									
									21
									 
									 
									|Números 32:21|
									bayiwela iYordan bonke abaxhobileyo kuni, behamba phambi koYehova, bada bazigqogqa iintshaba zabo phambi kwabo,									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Números 32:22|
									leyiswa ilizwe phambi koYehova, nabuya emveni koko: noba msulwa ke kuYehova nakuSirayeli, eli lizwe libe lelenu phambi koYehova.									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|Números 32:23|
									Ke ukuba anithanga nenjenjalo, yabonani, noba nonile kuYehova, nazi ukuba isono senu siya kunifumana.									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Números 32:24|
									Zakheleni imizi iintsapho zenu, nezibaya zempahla yenu emfutshane, niyenze le nto iphumileyo emlonyeni wenu.									
									    
								 
- 
									
									25
									 
									 
									|Números 32:25|
									Bathetha oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi,  Abakhonzi bakho baya kwenza njengoko inkosi yethu iwise umthetho.									
									    
								 
- 
									
									26
									 
									 
									|Números 32:26|
									Abantwana bethu, nabafazi bethu, nemfuyo yethu, namaqegu ethu onke, oba khona emizini yaseGiliyadi.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15